...

7 views

INCWADI YOKUVUMA
EWE YENA NDYAVUMA NDIMKHONZILE!!!

Ewe yena ndimfumene.
kwaye ngenene nguye.
Ingenguye kwaz bon'
Ingendim owaziyo.
Ndithe kuni
Ngenyaniso ndimkhonzile.

Ayilothando nha eli ndikulo?
Ayiyonjabulo nha lena ndikuyo?
Uwakha umzi ngengqondo
Engakhuphanga nto kuye.
Mna ke nithi ndithin?
Hay madoda vumani ndityatyadule.
Ndenze njeya ukumkhahlela.

Ngongaboni buhle benyama niyanyefa.
Kanti ke ingqondo izele yimpumelelo
nobuhle.
Hay andaz nam ndyancama.
Ongaboni sob' aphind' abone.
Ndithe kuni ewe ndimkhonzile.

Ntombenhl' ubuhl' undibonisile.
Kwaye yona impumelelo uyivezile.
Kwa wam wona amehlo Uyintyantyambo.
Lon' eliqhakazileyo .
Ndilazi kuye.

Bath' isala kutyelwa sibona ngolophu.
Bambi besithi olungakhali lufela
Embelekweni.
Kodwa mna ndithi ngay' Ansenakuthandabuza.
Vele kuf' ayayo madoda.



© All Rights Reserved