...

2 views

EmkayZA Media Stories
Impond'elihle p1

Kusekwakusasa umnomzana uMadikizela sevukile ungena ekhitshini afike athathe iingubo zama khwenkwe wakhe azijule lee kude kunabo..

Madikizela: Makwedini yintoni nisalele aniboni kusile apha phandle vukani niyobophela inkomo kuyolinywa.(ebucunuka..kakade lamakhwenkwe akaliboni ilanga into ayaziyo kukulala nxee).

Vumile: utatomkhulu soloko esivusa singakoneli kukulala.

Madikizela: Ayikho inkomo yobuthongo makwedini kwaye ngomphi umfazi oyokwendela kuwe ungakwazi kuvuka uzoxinwa ngosuku lokuqala emsebemzini xangaba ungazifundisi ukuvukela yonke into endiyenzayo kuni iyimfundiso.(abephuma esiya ngasebuhlanti) khawulezani makwedini.

Bavuka balandela uyisemkhulu wabo abazukulu.

Madikizela: Vumile bamba nantsi inkomo ubhovungana ungamshiyi ustibhili zinkomo esizosebenza ngazo namhlanje.

Bayilima intsimi yamangutyana kwathi kubetha intsimbi yesibhozo babe sebegqibile sebebuyela ekhaya (kusendleleni).

Madikizela: Nisebenze ngamandla namhlanje bazukulu yazi bendinga thembanga ukuba ninamandla amangaka..

Mzuvukile: ey bekunzima ukuvuka mkhulu kodwa ndivuyiswa kukuba ekugqibeleni sigqibile umsebenzi wentsuku ngesaquphe njee.(ehleka ejonga Madikizela)

Madikizela: Kunjalo xangaba uzinikela kumsebenzi mzukulu kukanti vuma xangaba ufundiswa kuba ulungiselelwa kusasa sele singekho thina singabazali.

Ekhayeni kulungiselelwa amakhwenkwe kunye notatomkhulu wabo umnomzani uMadikizela.

Sibahle: Makhulu naba sebebuya ooMzuvukile naba besihla ngendlela edlula kuloMafasi.

Nothembele: Khawulezisani ukupheka yini abantwana bam balambile benoyisemkhulu.

UPart2 uyeza kusasa please react to this post ndicela 200(❤)
© All Rights Reserved