...

11 views

HAY UMHLOLA🤭🤭🤷‍♂️
UTHANDO/NGUMHLOLA

Ndiba nibonile kodwa.
Ndiba nifundile noko.
Ndiba niqwalasele koko.
Ndiba nilumnkile kona.
Ngoba hay ngumhlola.

Ewe ungene ngothando.
Ewe ungene ngoncumo.
Ewe ungene ngembeko.
Ewe ungene ngobubele.
Ewe hay lento ngumhlola.

Ndithetha ngani nha!
Hay anisaboni ba luthando?
Hay anisaboni ba ngumbulal' lazwe?
Hay anisaboni ba luyagqugqisa?
Kambi mna ndithi luthando.

Yinyoka ukunyebeleza ingena ngembeko.
Ngudyakalash' amaqhinga ayiwaphiwanga.
Koko asesizalweni ngokwenene.
Int' evela kuhlambeke intliziyo.
Int' evela kuthul' abantwana.

Hay ndithi luthando.
Izigiqagiqa bonwabe bonke.
Kanti ulonwabo kubo.
Kuyo kukutyeba.
kuba kalok' akadlal' uyakhangela.
Yakutyeba' ityiwe isendl' apho.
Xeb' ityiwa sel' ilila esibuhlungu.

Hay vulani amehlo.
Hay anisaboni niyaphela.
Hay khaniqiqe niqonde.

Mna ndithi luthando.
Lon' elinamandl' okulahl' ingqondo.
Baphela nje sibukele.
Kuba kalok' umnt' uphuth' ezakhe.

Ayaph' nha lomakhwenkwe
aphutha zonke?
Bona bayaph' nha abobazali
bakhulisa konke?
Ndibuza bon' abameli bame ph' nha?
Kuba loo! Hay ngumhlola.


© All Rights Reserved
By Lubbar